UTimakwe uyinzala yalamaZizi afuduka eThukela ekuqaleni kwemfazwe zemfecane, alibangisa eMpumakoloni ekhokhelwe nguNjokweni kaMrhawu (abanye bathi ngokaMtshibe), noNdzila kaDweba uyisemkhulu ka Bhikitsha. LamaZizi aziwa ngokuthi ziMfengu. Afikela kukumkani yamaGcaleka, uHintsa. (Information received from: https://izithakazelo.blog/2018/07/23/imvelaphi-yamazizi/ )
U Timakwe ulandwe ngukumkani uDalindyebo e Gqushwa kuba ebona umkhosi wamaBovane usiza. UDalindyebo wathuma uTimakwe ukuba akhokhele umkhosi ukududula amaBovane. Wenza njalo uTimakwe, wawadudula amaBovane ewajongise e Coffee Bay (Mqanduli). Wasele esithi u Dalindyebo uTimakwe bakahlale angabi sabuyela eQgushwa, waba nabafazi wanda kwilali ekuthiwa kuse Xhwili eMkhwezo.
Kaloku uTimakwe wayenabafazi abaninzi. Okunye yindlu ka Bhaxabhaxa ka Mateyi, Ooyise bayakuma kwindawo ngendawo ngokuralela amadlelo aluhlaza. Yena uze apha eXhwili ngoYise kaNtamehlo njengoko wayenguno diphu. Wawacacisela amaZizi okokuba uyise kaMateyi ungumntakwabo wooBawo ukuze uMateyi yena ungumntakwabo Typhus uyise ka Mziwovuyo, kwakubafazi balendoda inye ingu Timakwe. Inzala ka Timakwe ibhaliwe kule family tree. (Information received from Tofu. E. Timakwe)